YEKA UKUTHULA KUMATYALA ESONDO
Amatyala esondo abandakanya ukulalana ngaphandle kwemvume, ukuphathaphatha okungafunekiyo, okanye ukunyanzelwa ukuba uzibandakanye nezenzo zokwabelana ng esondo ezibanga iintloni.
UTHINTELO
APHO PHANDLE
Ukuba nokwenzakala kuyenyuka
Kwiindawo ezingenabantu nezizodwa
Ebusuku
Ukuba ujongeka ngathi unokwenzakala (umzekelo ukuhamba wedwa kwiindawo ezingenabantu)
Ukuba awuzazi ukuba uyaphi
Ukuba ngaba awuwatshixi amacango emoto yakho kwaye uvale neefestile zakho
Ukuba uthetha nabantu ongabaziyo
Ukuba ngaba umela abantu okanye izithuthi ezisengxakini
Ukuba ngaba isithuthi sakho sinengxaki kwaye kufuneka ukuba umele uncedo
Zilumkele iindawo ezikungqongileyo
Zilumkele izibane zetrafiki kunye nezitalato ezimisayo
Hambela kufutshane nezinqandi kwaye ujongane nemoto ezizayo
Zama ukuhamba kwiindawo ezikhanyayo okanye apho kukho khona abantu
Ungamisi ubhontsi
Ungabakhwelisi abamisi bobhontsi
Gcina impempe kuwe - kwaye uyikhalise xa ufuna uncedo
EKHAYA
Ungabavumeli abantu ongabaziyo kwikhaya lakho - nokuba kukho into abayizisayo okanye banika inkonzo.
Funa uxwebhu lwesazisi okanye utsalele umnxeba i-ofisi yakhe ukukhangela isazisi sakhe.
Ungaze uxelele nabani na ukuba uwedwa ekhaya - kwaye uqinisekise ukuba nabantwana bayakwazi ukukwenza oko.
Bazi abamelwane bakho - kwaye nonke nicebe ukuba ningaliphendula njani na ixesha lobunzima.
Sazi isikhululo sakho sasekuhlaleni samapolisa - kwaye uxoxe ngemicimbi yokhuseleko namapolisa.
Zibandakanye neenzame zothintelo lolwaphulo mthetho ekuhlaleni nequmrhu loluntu lwamapolisa okanye amapolisa.
XA UKHUTSHIWE
Ungavumeli nabani na ukuba akuphathe ngendlela ekwenza uzive ungakhululekanga - qina kwaye ucace uthi HAYI!
Ungahambi kwitheko okanye kumbhiyozo wentlalo nomntu ongamaziyo okanye osanda kudibana naye - yithi HAYI!
Cela umhlobo ukuba umntu akakuhoyi xa usithi HAYI!
Khumbula: amaxhoba amaninzi odlwengulo ayamazi umdlwenguli . Unelungelo lokuthi HAYI!
KWISEHLO SODLWENGULO
Zama ukungatatazeli. Ingqondo yakho lolona khuselo lwakho.
Ngeke usoloko uzikhusela kwaye ukuxhathisa kwakho kungabanga ukwenzakala okungamandla.
Ukuba ngaba umhlaseli wakho unobungozi, yiba nentsebenziswano kwaye uzame ukuthethathethana. Ukuthoba asiyomvume.
Zama kwaye ukhumbule ukuba umhlaseli ebenjani na - iminyaka yakhe, uhlanga, ubude, umbala weenwele, iziva, imivambo, iimpahla, ilizwi, izihombisi ezinamatye anqabileyo.
Tswina, khwaza, khalisa impempe yakho, baleka ukuba unako.
Ungahlambi okanye utshintshe impahla yakho emva kohlaselo - gcina bonke ubungqina ukwenzela ukuba busetyenziswe ngamapolisa kuphando lwawo olungaphaya.
Luxele ulwaphulo-mthetho kwiNkonzo yamaPolisa ngoko nangoko: yiya kwisikhululo samapolisa okanye utsalele umnxeba i-10111
EMVA KODLWENGULO
Ixhoba ngalinye lodlwengulo liphendula ngokwahlukeneyo - kodwa kungenzeka ukuba uncedeke.
Unokuziva -
umdaka kwaye ufune ukuhlamba uphindaphinde;
wothukile kwaye usoyika ukuya phandle;
inguwe unobangela kwaye unobutyala;
ungenakulala, ube namaphupha amabi, ungatyi, ungayeki ukukhala okanye ufuna ukulibala ngokukhawuleza kangangoko kwaye uqhubeke nobomi bakho.
Akukho nanye kwezi mpendulo engaqhelekanga okanye engadalwanga - khumbula ukuba kusoloko kukho umntu wokuba akuncede:
Iinkqubo zokuXhasa amaXhoba, abafundi namagcisa e-psychology, abacebisi, abakhathaleli bempilo okanye oonontlalontle, abaqeshi, abahlobo, usapho okanye amalungu ecawa - buza igosa lampolisa elisebenza ngetyala lakho ukuba lenze isincomo ngomntu onokukunceda.
YINTONI EYENZEKAYO XA UXELA UDLWENGULO (OKANYE AMANYE AMATYALA ESONDO)
Igosa lamapolisa liyakuthatha ingxelo. Akufunekanga ukuba ube wedwa - umhlobo okanye ilungu losapho linganawe ngexesha owenza ngalo ingxelo, ukuba ngaba akalilo ingqina elinokuba lilo kwityala lakho.
Ukuba ngaba kamva uva ngathi ingxelo yakho ibingalunganga okanye ingaphelelanga, ungenza enye ingxelo.
Ungayenza ingxelo ngolwimi lwakho (ukuba ngaba inokutolikwa).
Unelungelo lokuyikopa ingxelo yakho. Ngamanye amaxesha akwenzeki ukuba ufumane ikopi ngoko nangoko, kodwa ke uyakuyifumana kamva.
Igosa lamapolisa liya kukunika inombolo yetyala kwaye kufuneka ukuba uyisebenzise le nombolo nanini na ufuna ulwazi malunga netyala lakho.
Ukuba kukho imfuneko, igosa eliphandayo liyakuqinisekisa ukuba uyavavanywa ngumsebenzi wempilo okhathalelayo, oyakugcwalisa ingxelo yonyango kwaye aqokelele nobungqina bonyango.
Kufuneka ukuba uqinisekise ukuba igosa eliphandayo liyazi ukuba lingaqhagamshelana njani kwaye phi nawe ngawo onke amaxesha, kuqukwa naxa uhamba endaweni.
Igosa eliphandayo liyakukwazisa -
ukuba umrhanelwa ukhululwe ngebheyile;
ukuba ngaba kufuneka ukuba uye kudweliso lokuchonga;
umhla wetyala;
xa kuyakufuneka ukuba unike ubungqina kunye
nesiphumo setyala.
Amapolisa ayaliphanda ityala aze alidlulisele kwigqwetha likarhulumente ekuthiwa ngumtshutshisi. Inkonzo isimahla kuwe. Bonke igosa lamapolisa, igosa eliphandayo kunye nomtshutshisi bayakuba nako ukukunika ulwazi malunga netyala lakho.
Fumana inombolo yomxeba kwigosa eliphandayo ukwenzela ukuba ukwazi ukuba ulufumana phi na ulwazi malunga netyala lakho.
YINTONI ESINGAYENZA SONKE UKUNCEDA?
Zimanye nokuqaliweyo okusekelwe ekuhlaleni kweNkxaso yamaXhoba; qeqeshelwa ukuba livolontiya.
Luxele udlwengulo - kwaye uncede nabanye baluxele udlwengulo.
Ungazikhuseli izidlwengu - ungazifihli kwikhaya lakho okanye kuluntu - xelela amapolisa ngazo.
Khulisa amakhwenkwe akho ukuba abe ngamadoda okwenene - amadoda okwenene ayawahlonipha amabhinqa kwaye amadoda okwenene awadlwenguli.
NGUBANI ENDINGAQHAGAMSHELANA NAYE?
Qahagamshelana nesikhululo sakho sasekuhlaleni samapolisa okanye:
UTHINTELO LOLWAPHULO-MTHETHO 08600 10111
INOMBOLO YONCEDO YAMABHINQA APHETHWE GADALALA 0800 150 150
INOMBOLO YABANTWANA 0800 055 555
UTHUNGELWANO LUKAZWELONKE KUBUGEBENGA KUMABHINQA:
UNELUNGELO LOKUTHI HAYI
Akukho namnye onelungelo lokukunyanzela ukuba wenze izenzo zokwabelana ngesondo, nokuba buyintoni na ubudlelwane bakho nalo mntu.
Oku kuthetha ukuba akukho nabanina onokukunyanzela ukuba wabelane ngesondo, okanye akuphathaphathe ngaphandle kwemvume yakho, okanye akunyanzele ukuba wenze isenzo sokwabelana ngesondo esingekho mnandi okanye esenza iintloni
Khumbula -ukuxhatshazwa ngesondo ayisosiphosiso sakho.
